1 Wathetha uYehova kuMoses na kuAron, esithi kubo,
2 Thethani koonyana bakaSirayeli, nithi, Zizo ezi izinto eziphilileyo enodla zona ezintweni zonke ezizitho zine ezisehlabathini:
3 zonke izinto ezithiwe gqiphu uphuphu, ezimpuphu zicandwe kubini, ezetyisa umtyiso, ezintweni ezizitho zine, nozidla ezo.
4 Zezi zodwa eningayi kuzidla kwezetyisa umtyiso, nakwezithiwe gqiphu uphuphu: inkamela, ngokuba ityisa umtyiso, ke ayiluthe gqiphu uphuphu, iyinqambi kuni;
5 nembila, ngokuba ityisa umtyiso, ke ayiluthe gqiphu uphuphu, iyinqambi kuni;
6 nomvundla, ngokuba utyisa umtyiso, ke awuluthe gqiphu uphuphu, uyinqambi kuni;
7 nehagu, ngokuba iluthe gqiphu uphuphu, ke ilucande kubini uphuphu, yabe ingawutyisi umtyiso, iyinqambi kuni.
8 Inyama yezo nto ize ningayidli, nesidumbu sazo ningasichukumisi; ziziinqambi kuni.
9 Ezintweni zonke ezisemanzini nozidla ezi: zonke izinto ezinamaphiko namaxolo emanzini, ezilwandleni nasemilanjeni, nozidla zona.
10 Ke zonke izinto ezingenamaphiko namaxolo ezilwandleni nasemilanjeni, enyakanyakeni yonke esemanzini, nasezintweni eziphilileyo ezisemanzini,
11 zoba nezothe kuni, zibe nezothe kuni. Nize ningayidli inyama yazo; nezidumbu zazo zibe nezothe kuni.
12 Zonke izinto ezingenamaphiko namaxolo emanzini zoba nezothe kuni.
13 Zezi ezintakeni ezoba nezothe kuni; zezingadliwa, zinezothe zona: ixhalanga,
14 nosilwangangubo, nonomakhwezana; noontloyiya ngohlobo lwabo;
15 nehlungulu lonke ngohlobo lwalo;
16 nenciniba, nesihuluhulu, nengabangaba, nentambanane ngohlobo lwayo;
17 nesikhova, nogwidi, nefubesi,
18 nenkuku yamanzi, nengcwangube, nenkqo;
19 nengwamza, nokhwalimanzi ngohlobo lwakhe, nobhobhoyi, nelulwane.
20 Yonke inyakanyaka enamaphiko, ehamba ngazitho zine, yoba nezothe kuni.
21 Zezi zodwa enozidla kwinyakanyaka yonke enamaphiko, ehamba ngazitho zine, enemilenze yomibini entla kweenyawo zayo, yokuba itshakace ngayo emhlabeni;
22 zezi ke kuzo enozidla: inkumbi ngohlobo lwayo, nesibotho ngohlobo lwaso, nomqhathu ngohlobo lwawo, nomcikwane ngohlobo lwawo.
23 Ke yonke inyakanyaka enamaphiko, enazitho zine, yoba nezothe kuni.
24 Ngenxa yayo noba ziinqambi; abachukumisa isidumbu sayo boba ziinqambi, bahlwise;
25 bonke abasusa nto yesidumbu sayo, bohlamba iingubo zabo, babe ziinqambi, bahlwise.
26 Yonke into ezitho zine eluthe gqiphu uphuphu, ukulucanda ingalucandi kubini, ingatyisi mtyiso, iyinqambi kuni; bonke abayichukumisayo boba ziinqambi.
27 Neento zonke ezihamba ngamathupha azo, ezintweni zonke eziphilileyo ezihamba ngazitho zine, ziziinqambi kuni; bonke abasichukumisayo isidumbu sazo, boba ziinqambi bahlwise.
28 Lowo ususa isidumbu sazo, wohlamba iingubo zakhe, abe yinqambi ahlwise; ziinqambi zona kuni.
29 Zezi ezoba ziinqambi kuni enyakanyakeni enyakazela emhlabeni: igala, nempuku, noxam ngohlobo lwakhe;
30 nentulo, necilishe, norhoqotyeni, noqebeyi, nolovane.
31 Zezo eziziinqambi kuni enyakanyakeni yonke; bonke abazichukumisayo ezifileyo kuzo, boba ziinqambi, bahlwise.
32 Izinto zonke ezithe zawelwa yenye yazo ifile, zoba ziinqambi: nokuba ziimpahla zonke zemithi, nokuba ziingubo, nokuba zizikhumba, nokuba ziinqambi, zihlwise; zize zihlambuluke ke.
33 limpahla zonke zomdongwe, ethe yeyela kuzo enye yazo, zoba ziinqambi zonke izinto eziphakathi kwazo; noziqhekeza ke.
34 Konke ukudla okudliwayo, okufikiweyo ngamanzi akwezo mpahla, koba yinqambi; nento yonke eselwayo ngezo mpahla zonke, yoba yinqambi.
35 Into yonke ethe yawelwa nayindawoni na yesidumbu sazo, yoba yinqambi; nokuba liziko lezonka, nokuba ngungxawu, ize yaphulwe; iyinqambi, yoba yinqambi kuni.
36 Kodwa umthombo nequla elinentlanganisela yamanzi lohlambuluka; osichukumisayo isidumbu sazo woba yinqambi.
37 Xa kuthe kwawa nandawoni yesidumbu sazo embewini yonke ehlwayelwayo, eza kuhlwayelwa, yohlambuluka yona.
38 Xa kuthe kwagalelwa amanzi embewini, kwawa nandawoni yesidumbu sazo phezu kwayo, yoba yinqambi kuni.
39 Xa kuthe kwafa nto izitho zine idliwayo nini, lowo usichukumisayo isidumbu sayo woba yinqambi, ahlwise.
40 Lowo udlayo esidumbini sayo, wozihlamba iingubo zakhe, abe yinqambi, ahlwise; nalowo ususa isidumbu sayo, wozihlamba iingubo zakhe, abe yinqambi, ahlwise.
41 Yonke inyakanyaka enyakazela emhlabeni inezothe; mayingadliwa.
42 Zonke izinto ezihamba ngesisu, neento zonke ezihamba nganyawo-ne, kude kuse kwiinto zonke ezineenyawo ezininzi, enyakanyakeni yonke enyakazelayo emhlabeni, ize ningazidli; ngokuba zinezothe.
43 Musani ukuyenza imiphefumlo yenu ibe nezothe ngenyakanyaka yonke enyakazelayo, ize ningazenzi inqambi ngayo, nibe yinqambi ngayo.
44 Ngokuba ndinguYehova uThixo wenu, ze nizingcwalise nibe ngcwele; ngokuba ndiyiNgcwele; ize ningayenzi iinqambi imiphefumlo yenu ngenyakanyaka yonke enambuzelayo emhlabeni.
45 Ngokuba ndinguYehova oninyuse ezweni laseYiputa, ukuba ndibe nguThixo wenu; ize nibe ngcwele, ngokuba ndiyiNgcwele.
46 Nguwo lowo umyalelo weento ezizitho zine, neentaka, nemiphefumlo yonke ephilileyo enambuzelayo emanzini, nemiphefumlo yonke enyakazelayo emhlabeni;
47 woyahlula eyinqambi kwehlambulukileyo, nento ephilileyo edliwayo kwinto ephilileyo engadliwayo.